








izinto zabo zokudlala babe beyabula esantini kungekho nto ebanik'umdla.
UNksk. Wilson ungumlawuli nomqeqeshi eThokoza. Uthe: "Apha isihlongozi sethu sithi: Abantwana Bangabokuqala Ekwakheni Ilizwe Lethu. Siqeqesha oomama abakhathalela abantwana emini ukuba babakhokele abantwana ukususela kwiminyaka yabo yokuqala ukusa kwimfundo.
"Kufanele sibakhathalele abantwana bethu. Kuba beza kuphila basebenze kweli lizwe nokuze babone ukuba bagqwesa phi. Imfundo isoloko isisitshixo sempumelelo. Ngoku iye isiba yeyona nto ibalulekileyo".
lThokoza inezifundo ezithabatha iiveki

Abantwana bayayithanda ividiyo yabo ethi 'You Can Read'. Apha bakunye noMirriam nentombi yakhe.

ezintathu nezasimahla, iqeqesha abasetyhini kwizifundo ezahlukeneyo. Ezi zifu-ndo ziquka ukukhula komntwana ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni nangokweemvakalelo  kuquka ukubondla, ezempilo, uNyango lokuqala, ukuphathwa kakubi kwabantwana, kwanendlela yokuba bona baseke awabo amaziko okukhathalela abantwana emini.
UNksk. Wilson uthe: "Abaqeqeshi kufanele babe nomdla wokwenyani kubantwana babo. Kufanele babe sem-pilweni, bakwazi ukubakhathalela kaku-hle abantwana, baxabise ucoceko, ba-kwazi ukufunda nokubhala kwaye basiqonde isiNgesi. Ngelishwa, imimandla yasemaphandleni ayikhathalelwa. Ukuba kukho abahlali basemaphandleni abanokuqeqeshwa nabo banokuthi ethubeni baqeqeshe oomama bokukhathalela abantwana emini kwiingingqi zabo", uqwele ngelitshoyo uNksk. Wilson.
lThokoza sele isebenze iminyaka emine, iqeqeshe ngaphezu kwama-400 omama bokukhathalela abantwana emini. Abanye ngoku basebenza kwiikhretshi, kwizikolo zabasaqalayo, amaziko okukhathalela abantwana emini kanti abanye sele beqalise awabo amaziko.
lBona ityelele abaqeqeshi ababini abafunde eThokoza nabo asele benawabo amaziko okukhathalela aba-ntwana emini. Elokuqala eliphethwe nguMirriam Chetty, umama onobubele onabantwana abathathu libonakale ilelolonwabo kwaye licocekile.
Kuba kwindawo yethu bekungekho
indawo yokukhathalela abantwana emini uMbutho wabaseTyhini wagqiba kwelokuba ufanele uqalise elawo. Kuba ke ndinendawo, ukuthanda abantwana kwaye ndakhe ndayititshala kwisikolo seCawa, ndaba ngoyena mntu ufanele ukukhethwa.
Ndinabantwana abali-11 kwaye ndisenako ukwamkela abanye. Samkela abantwana abaneminyaka emibini ukuya kwemihlanu. Kuba okwangoku singekabi nabantwana abaninzi, intombi yam nomzala bandincedisa ekukhathaleleni eli ziko.
Aba bantwana bafika ngentsimbi yesi-7 kusasa. Bathi bakufika sibanike isidlo sakusasa. Ngeye-1O ngentlazane bafumana isiqhamo, kuze ngeye-1 2 bafumane isidlo sasemini. Abantwana abanoomama emakhaya bayagoduka emva kwesidlo sasemini. Abo balindele ukulandwa ngoonina bakhe bathi ukungqengqa emva kwesidlo sasemini. Kuthi ngentsimbi yesi-2 ndibanike amashwamshwam.
Ndizama ukuba ngalo lonke ixesha ndibagcine aba bantwana benento abayenzayo, ukuze bangakruquki. Umntwana uthi akukruquka angeva kwaukunqandwa okanye angonwabi. Andibaniki izinto zokudlala, sinemidlalo elungiselelwe bona. Ndikwabathengela neevidiyo ezibafundisayo. Siyabakhulula baye kudlala naphandle.
UMirriam unayo indawo yokukhathalela abantwana abagulayo.inkoliso yabazali imnika amakhadi abo emedical aid nefowuni kagqirha wosapho xa kusenzeka

Bazimisele ukufunda.
Abaqeqeshelwa ukukhathalela abantwana emini bayafundiswa baqeqeshelwe
ukukhathalela abantwana kakuhle.





umntwana agule.
Umzi kaMirriam ukhe uzokuhlolwa ngusista waseklinikhi nangunontlalontle, kuba kukho imithetho ekufuneka ithotyelwe.
lziko lesibini lokukhathalela aba-ntwana emini liseLamontville, linama-30 abantwana, likhathalelwa nguZandile onama-24 odlamkileyo. Ayafuneka amandla kulo msebenzi oqobayo. Le ndawo siyifumene kummandla ozolileyo ngakwicawa yaseRoma.
UZandile uthe: "Mninzi umsebenzi olapha kodwa ndiyawuthanda".
UZandile wagqiba ngokufundela ukuba ngumama wokukhathalela abantwana emini, emva kwethuba esebenza kwizikolo zabasaqalayo nasekhretshi uye waqa-Iisa elakhe iziko lokukhathalela aba-ntwana emini.
lLamontville izifuna ngamandla izikolo zabasaqalayo. Zimbalwa okwangoku, inkoliso yabazali kufuneka abantwana babo ibase kwezingekho kule lokishi, kuyindleko kwaye kubabeka esichengeni seengozi. Abanye abantwana apha baya ezikolweni bengakuxhobelanga.
Anditsho ukuthi oomakhulu abawenzi kakuhle umsebenzi wabo, kodwa aba-ntwana apha kumaziko okubakhathalela emini bakhuselekile bekunye nabantu abafanelekayo nabakwaziyo ukubo-nwabisa.
Bathandathu abantu abandincedisayo apha. Ndikhetha abantu abathanda uku-dlala nabantwana  abantu abanokufika kumgangatho wabo. Abantwana sibafu ndisa iingoma eziculwa kwii ndawo ezigcina abantwana, ukupeyinta okuzotyiweyo, ukuzoba nokuba baqhele ukusebenzisa izihlunu zezandla zabo. Ngalo lonke eli thuba sicula nabo. Bayakuthanda ukucula.
UZandile uzama ukuba eli ziko alenze libe likhaya. Abantu endisebenza nabo ndibakhuthaza ukuba babafunqule aba-ntwana, babathande, bangabashiyi be-ngenamntu ubakhathalelayo xa belila. Bayakhathalelwa nangokwenzelwa into etyiwayo.
Bobabini oomama abakhathalela abantwana kumaziko abo emini bayangqinelana ngelokuba bayaneliswa ngumsebenzi abawenzayo. Ukongeza koku basixelele ukuba kuliqhayiya kubo ukwazi ukuba banika eyona nkonzo ifuneka ngamandla kuluntu, kwaye xa abo bantwana bakhathalelwa ngabo bengekho koonina. bayayifumana inkathalo yomama. 











BONA XHOSA  October 1 996 69



Okunokusetyenziswa Ngumama
Nalusana
Lwakhe
lnto emnandi ngeemveliso
zakwaClere kukuba
zikulungele ukusetyenziswa
ngoomama ngokunjalo
naziintsana. Nanjengoko
bonke oomama besazi
ukuba ulusu losana luthambile kwaye lupholile, ziimveliso ezimpuluswa nezipholileyo
ezinokusetyenziswa kulo.

Clere Petroleum JeIly
ayivangwanga, nto leyo ekhusela ulusu losana Iungatyabulwa ngamalweyile.
lnokusetyenziswa nasemva kokuhlamba njengesithambiso.

lClere BP Pure Glycerine
sisifumisi solusu esingayiwayo. Sinceda ekuluthambiseni nasekulwenzeni mpuluswa ulusu, siphelise ukoma nokuqhekeka kolusu. Galela intwana yeglycerine emanzini okuhlamba okanye uyiqabe kanye eluswini. lnokusetyenziswa nakolona Iusu lunochuku.






Misiphos'iliso
Kumakhanukondwa
Antsundu
Ukubala ngamakhanukan'odwa kungumba ocekeceke. Umbhali kufuneka ayazi into athetha ngayo, akubeke ecaleni ukugxeka kodwa ngaxeshanye ayichaze eyona
nto ayiyo amakhanukan'odwa

kubhale uPRIMROSE WILLIAMS
kwafota UMPHO MPHOTHO











Amalungu esigqeba seGLOW. Ukusuka ekhohlo uye ekunene:
nguPeter Mohlahledi, uphumzile Mthethwa, uThulani Mhlongo, uSimon Nkoli noPoly Motine.













ABANYE abantu bayawoyika bewanyemba amakhanukan'odwa, bambi bayawanyamezela kodwa bambalwa kakhulu abayiqondayo into ayiyo nabawamkelayo njengabantu abafana nabo.
Uninzi kumzoNtsundu lukubona kusesona sihelegu ukukhanukana ngesondo kwabantu abafanayo ngesini-
inene bakubona kusesona siqalekiso. Bathi akumkhwa wakwaNtu koko linyala elibolekwe eNtshona.
La mabala angaka abekwa kuba uninzi lungenalwazi lubhekele phi ngamakhanukan'odwa. Kungeso sizathu amakhanukan'odwa esiba ngamaxhoba enzondo, phofu ezondwa ngabo bawacingela ukuba azizinto ezithe gqwangu lisondo nezikhathaza abantwana.
Ngokomzekelo uMongameli Mugabe wawanyelisa ngelithi azizinto ezabelana ngesondo ezenza amanyundululu, esaleka wathi, "Amakhanukan'odwa mawayenzele eMerika naseYurophu imikhwa yawo emdaka, waza akaluvumela uqhankqalazo lwamalungelo awo kumsitho weencwadi eZimbabwe".
Kodwa ke nokuba ngumkhwa okanye asimkhwa waseAfrika Io, into ebalulekileyo yeyokuba kutshanje amakhanukan'odwa abhinqileyo nangamadoda aya evela ngokuvela elubala enyanzela abantu abafana nam nawe ukuba bathathe ingqalelo.
Ngathi umgaqo-siseko omtsha welizwe sele uyiqwalasele Ie nto. Unamagatya ekuthenjwayo ukuba aza kunceda ekwenzeni abantu ukuba babahloniphe abanye bangajongi kuphela into abayiyo.
Ngamakhanukan'odwa umgaqo-siseko omtsha uthi, "Nabani na unelungelo elilinganayo ngaphambi komthetho nakukhuseleko Iwawo. Akukho namnye umntu oya kucalucalulwa ngqo okanye ngandlel'ithile ngenxa yobuhlanga, isini, ibala, ubomi abukhethayo ngokwesondo, ukugogeka, ukholo, inkolelo, amasiko okanye ilwimi.
Ngenxa yezizathu ezicacileyo akakho owaziyo ukuba mangaphi na amakhanukan'odwa aNtsundu. Ngokutsho kweGay and Lesbian Organization of the Witwatersrand
(GLOW) neminye imibutho yawo elizweni jikelele, le mibutho yazi kuphela lawo angamalungu ayo.
Le mibutho ithi oku kungenxa yokuba maninzi amakhanukan'odwa asazifihlileyo. Amakhanukanodwa, ingakumbi aNtsundu, aphila obentshontsho ngenxa yokungamkeleki kwawo eluntwini.
llebela ngelithi nkqu nabazali bawo bawapheka bewophula kuba bebona unyana ofuna abanye oobhuti okanye intombi efuna abanye oosisi bebeka amabala kwindlela ababakhulise ngayo.
Loo nto ayimangalisi. Kaloku kwaNtu











UBev. Ditsie uthi, "Ekuphela kwento endahluke ngayo kwamanye amabhinqa
kukuba mna ndithandana nebhinqa.

UPeter Nkoli uthi akwenza ebhedini
nomntu athandana naye akufuni mntu yaye kungafuni namthetho.





bekufuneka umfana okanye intombi ikhawuleze itshate, kuvele nabantwana. Ibisithi yakungenzeki loo nto iqale ukujongwa ngamanye amehlo, igqibele ilikheswa.
Ekulibhaleni kwethu eli nqaku sithethe neendidi ngeendidi zabantu ekukho kubo abaluleki, oogqirha bengqondo noonyawontle.
Oogqirha bengqondo bona bathe, Abantu abani nzi banento yokucinga ukuba umntu uyazikhethela ukukhanuka abantu besini esifana nesakhe, kanti inyaniso kukuba akazikhetheli. Bakutsho oko bekufanisa nento yokuba umntu engenakuzikhethela ukuba uya kuba mde na okanye ibala lakhe liya kuba njani na.
Ngokuqhelekileyo indoda ethandana namanye amadoda asikuba izama ukuzenza ibhinqa njengoko becinga abanye abantu. Kudla ngokuba yindoda efuna ukwamkelwa njengendoda ngamanye amadoda.
Amakhanukan'odwa amaninzi awazikhumbuli erhalela umntu wesini esahlukileyo kwesawo. Wona onyanya kwaukucinga ngokuba nendibano yesondo namabhinqa (kwangamadoda) okanye nendoda (kwangamabhinqa) ngokohlobo akonyanya ngalo umntu ofana nam nawe ukwabelana isondo nomntu ofana naye ngesini.
Akululanga ukuba amakhanukanodwa nabantu abangengawo bathethe ngokukhululekileyo ngale nyewe. Kodwa sifumanise ukuba ezona zisele zenyathi ngawo kanye amakhanukan'odwa. Akhe aqala achasela akafuna ukusondela kodwa athe akubona ukuba asizanga kuwanyelisa nakuwagweba akhululeka asondela.
Kuwo sifumane abantu abayaziyo into abayifunayo nabathetha ngokuphandle ngezimvo zabo. Zivele kolu dliwano-ndlobe lusezantsi okuthethwa nguTseko Simon Nkoli, ongumongameli weGLOW noPalesa Beverly Ditsie ongusihlalo wayo.
USimon uthe, Siyazi ukuba uninzi lwabantu lusithatha kwaye lusicingela ngohlobo oluthanda ngalo. Kunjalo nje sikhethwa okwephela emasini kwizinto ezininzi. Umzekelo. emsebenzini awunyuselwa xa uthanda abantu besini esifana nesakho akukhathalisekanga nokuba usebenza kangakanani na.
Amakhanukan'odwa angamadoda nababhinqileyo achwethelwa ecaleni kangangokuba amanye angalufumani unyango. Angamadoda asoloko erhanelwa ngokuba aneAlDS kangangokuba aye axilongelwe le ntsholongwane engaziswanga.
Kodwa eyona nto yayinezothe ndiyonyanya kunene yayimithetho
yesondo yeli lizwe, (Kodwa qabu unoqolomba efile). EMzantsi-Afrika le mithetho yayisenza izaphuli-mthetho lnto endiyenza ebhedini nesithandwa sam ayimfuni omnye umntu yaye ingafuni namthetho.
Mayiqwalaselwe into yokuba amadoda namabhinqa akhanukanodwa nabo ngabantu abaneemfuno njengamntu wonke. Sifuna ukuhlonitshwa ngokufanayo nabanye abantu.
Uluntu maluyiqonde into yokuba amakhanukanodwa abhinqileyo nangamadoda akho kuyo yonke indawo yaye enjalo nje anelungelo lokuba kweli gada njengamntu wonke.
UBev ushiya alilibeleyo esithi:
Kukho inkolelo yokuba thina makhanukan'odwa abhinqileyo siziphethe ngezandla izimilo. Nakuluphi

BONA XHOSA  October 1996 73

na udliwano-ndlebe abeendaba bayibhebhethekisa ngakumbi le nkolelo.
Nto icubhulayo yeyokuba abasebenzi abaninzi bamajelo eendaba ngamakhanukan'odwa oku kwabo! Kodwa sebenjalo bayala ukusijonga njengamabhinqa afana nalo naliphi na ibhinqa. Endaweni yoko basibeka njengezinto ezilambel isondo ezisoloko zichwechwela amany'amabhinqa ziwagcayisela ngeendlela ezingendawo. Akukhe kuvele tu ukuba singobani na kanye kanye.
Kodwa nokuba bathini na abeendaba nabanye abantu abonyanya amakhanukan'odwa, mna ngokunokwam akusoloko kunkentez' isondo apha engqondweni yam. Enyanisweni (kwaye ndithanda ukuphinda ndigxininise) umahluko phakathi kwam namanye amabhinqa kukuba akukho nto inditsalayo endodeni ngokwasentliziyweni, emzimbeni, engqondweni, emoyoni nakwisondo.
Ndiyatya, ndilale, ndiy'endle, ndibukele umabonakude, ndizikhuphe, ndiye emathekweni nabahlobo bam njengalo naliphi na ibhinqa eliphangelayo elithi liphumle ngempela-veki. Kodwa andikhe ndibuzwe nakanye kudliwano-ndlebe ukuba ndisichitha njani na isithukuthezi (ngokungathi ngaphandle kwamathandabuzo ndisichitha ngesondo), ukuba ndixelenga phi na ukuba ndiyaxelenga (ngokungathi umntu ofana nam akanakuphangela) ukuba ndithanda kutya kuni na (ngokungathi andityi), ukuba luhlobo luni na lwencwadi endilufundayo nemiboniso bhanyabhanya endiyithandayo (ngokungathi ndikhetha ezamanyundululu esondo).
lmibuzo endiyibuzwa rhoqo yile:
Wabaxelela wathini abazali bakho? Kakade nenzana njani? Uza kubafumana njani abantwana? (ngokungathi andinasibeleko!) Kutheni engakhe ayibuzwe amanye amabhinqa imibuzo efana nale?
Ubomi bam abungomzabalazo. Enyanisweni ndisoloko ndonwabile nabahlobo bam yaye ngaphezulu andifane ndidibane nabantu abakucacisa ngokuphandle ukundonyanya kwabo. Naxa oko kusenzeka akundikhathazi kuba andifane ndixambulisane, ndiphikisane nabantu abaneengqondo ezimfutshane. Ndiyazazi ukuba ndingubani na yaye lo mntu ndinguye ndiyamthanda.
Hayi ke, mhlawumbi imithetho yamalungelo abantu ejolise kumakhanukana'odwa iya kusebenza lukhulu ekubeni ayeke ukujongelwa phantsi, ibethelele inkululeko kawonke-wonke eMzantsi-Afrika. 



		BONA XHOSA - October 1 996 67

2 BONA XHOSA - October 1996

